-
-
Xhosa
-
-
21
|Juan 20:21|
Waphinda ngoko uYesu wathi kubo, Uxolo malube nani; njengokuba uBawo endithumile mna, nam ndiyanithuma nina.
-
22
|Juan 20:22|
Akutsho wabaphefumlela, wathi kubo, Yamkelani uMoya oyiNgcwele;
-
23
|Juan 20:23|
abazono nithe nazixolela, bazixolelwe; nabazono nithe nazibamba, zibambekile.
-
24
|Juan 20:24|
Ke kaloku uTomas, omnye kwabalishumi elinababini, okuthiwa nguDidimo, wayengenabo oko wafikayo uYesu.
-
25
|Juan 20:25|
Babesithi ngoko kuye abanye abafundi, Siyibonile iNkosi. Wathi ke yena kubo, Ukuba andithanga ndilibone inxeba lezikhonkwane ezandleni zayo, ndiwufake umnwe wam enxebeni lezikhonkwane, ndisifake isandla sam ecaleni layo, andisayi kukholwa.
-
26
|Juan 20:26|
Baye emveni kweentsuku ezisibhozo bekwangaphakathi abafundi bakhe; wayenabo noTomas. Afike uYesu, zakubonÂ’ ukuba zivaliwe iingcango, eme phakathi, athi, Uxolo malube nani.
-
27
|Juan 20:27|
Andule athi kuTomas, Ethe apha umnwe wakho, uzibone izandla zam; ethe isandla sakho, usifake ecaleni lam; musa ukuba ngongakholwayo, yiba ngokholwayo.
-
28
|Juan 20:28|
Uphendule uTomas, wathi kuye, Nkosi yam, Thixo wam!
-
29
|Juan 20:29|
Athi uYesu kuye, Ngokuba undibonile, Tomas, ukholiwe. Banoyolo abo bangabonanga, bakholwa noko.
-
30
|Juan 20:30|
Mininzi ke okunene neminye imiqondiso awayenzayo uYesu emehlweni abafundi bakhe, engabhalwanga kuyo le ncwadi;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 31-32