-
-
Xhosa
-
-
11
|Juan 9:11|
Waphendula yena wathi, Umntu ekuthiwa nguYesu wenze udaka, waqaba amehlo am, wathi kum, Yiya echibini leSilowa, uhlambe; ndiyile ke ndahlamba, ndabuya ndibona.
-
12
|Juan 9:12|
Bathi ngoko kuye, Uphi na yena? Athi, Andazi.
-
13
|Juan 9:13|
Bamzisa kubaFarisi lowo ubefudula eyimfama.
-
14
|Juan 9:14|
Ke kaloku yaye iyisabatha, oko uYesu wenza udaka, wawavula amehlo akhe.
-
15
|Juan 9:15|
Babuya ngoko ke bambuza nabaFarisi, ukuba utheni na ukuba abuye abone. Wathi ke yena kubo, Ubeke udaka emehlweni am, ndaza ndahlamba; ndiyabona ke.
-
16
|Juan 9:16|
Babesithi ngoko abathile bakubaFarisi, Lo mntu asingowakwaThixo, ngokuba isabatha akayigcini. Babesithi abanye, Angathini na umntu ongumoni ukwenza imiqondiso engakanana? Bathi qheke kubini.
-
17
|Juan 9:17|
Babuya bathi kwimfama, Uthini na wena ngaye, ewavulile nje amehlo akho? Uthe ke yena, Ungumprofeti.
-
18
|Juan 9:18|
Akakholwa ngoko amaYuda ngaye, ukuba ebeyimfama, wabuye wabona, ada abiza abazali balowo ubuye wabona.
-
19
|Juan 9:19|
Aza ababuza esithi, Lo ngunyana wenu na, enithi nina wazalwa eyimfama? Phofu ubona ngani na ngoku?
-
20
|Juan 9:20|
Abazali bakhe bawaphendula bathi, Siyazi ukuba lo ngunyana wethu, kwanokuba ke wazalwa eyimfama;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21