-
-
Xhosa
-
-
21
|Juan 9:21|
le nto ke abonayo ngoku asazi, novule amehlo akhe, asimazi thina; uselemkhulu yena, buzani kuye, wozithethela.
-
22
|Juan 9:22|
Batsho abazali bakhe, ngokuba babesoyika amaYuda; kuba amaYuda abeselenqophisene ngokuthi, Ukuba uthe umntu wamvuma ukuba nguKristu, aze akhutshwe esikhungwini.
-
23
|Juan 9:23|
Kungenxa yoko abazali bakhe bathi, Uselemkhulu, buzani kuye.
-
24
|Juan 9:24|
Ambiza ngoko okwesibini umntu obeyimfama, athi kuye, Zukisa uThixo; siyazi thina ukuba lo mntu ungumoni.
-
25
|Juan 9:25|
Uphendule ngoko yena, wathi, Ukuba ungumoni, andazi; ndazi nto-nye, eyokuba ndibe ndiyimfama nje, ngoku ndiyabona.
-
26
|Juan 9:26|
Abuye ke athi kuye, Wenze ntoni na kuwe? utheni na ukuwavula amehlo akho?
-
27
|Juan 9:27|
Wawaphendula wathi, Sendinixelele, naza aneva; nithandelani na ukubuya nive? Nani ningaba nithanda ukuba ngabafundi bakhe na?
-
28
|Juan 9:28|
Amtshabhisa ngoko athi, Nguwe umfundi wakhe; ke thina singabafundi bakaMoses.
-
29
|Juan 9:29|
Siyazi thina, ukuba uThixo uthethile kuMoses; lo yena asimazi apho avela khona.
-
30
|Juan 9:30|
Waphendula umntu lowo, wathi kuwo, Nasi apha isimanga, ukuthi nina ningazi apho avela khona; ukanti uwavulile amehlo am.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21