-
-
Xhosa
-
-
11
|Josué 19:11|
Umda welifa labo wesa eSaridi, wenyuka umda wabo wasinga entshonalanga, wesa eMarala, wafikelela eDabhesheti, wahlangana nomlanjana okhangelene neYokeneham;
-
12
|Josué 19:12|
wabuya eSaridi, wasinga empumalanga ngecala eliphuma ilanga, waya emdeni weKiseloti-tabhore, waphuma waya eDabherati, wenyuka waya eYafiya.
-
13
|Josué 19:13|
Wegqitha khona, wasinga empumalanga ngecala eliphuma ilanga, waya eGati-hefere, e-Eti-katsin; waphuma waya eRimon, ehlaba iye eNeha.
-
14
|Josué 19:14|
Umda wayizunguleza ngasentla, waya eHanaton; ukuma kwawo, wema ngomfula waseIfeta-eli;
-
15
|Josué 19:15|
neKatati, neNahalali, neShimron, neIdala, neBhetelehem: imizi elishumi elinamibini inemizana yayo.
-
16
|Josué 19:16|
Lilo elo ilifa loonyana bakaZebhulon ngokwemizalwane yabo, loo mizi nemizana yayo.
-
17
|Josué 19:17|
Iqashiso lesine lavela noIsakare, noonyana bakaIsakare ngokwemizalwane yabo.
-
18
|Josué 19:18|
Umda wabo wasinga kwiYizereli, neKesuloti, neShunem,
-
19
|Josué 19:19|
neHafarayim, neShihon, neAnaharati,
-
20
|Josué 19:20|
neRabhiti, neKishiyon, neAbhetse,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7