-
-
Xhosa
-
-
21
|Josué 19:21|
neRemeti, ne-En-ganim, ne-En-hada, neBhete-patsetse.
-
22
|Josué 19:22|
Umda wafikelela eTabhore, naseShahatsima, naseBhete-shemeshe, ukuma komda wabo, waya wema ngeYordan imizi elishumi elinamithandathu enimizana yayo.
-
23
|Josué 19:23|
Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaIsakare ngokwemizalwane yabo, loo mizi nemizana yayo.
-
24
|Josué 19:24|
Lavela iqashiso lesihlanu nesizwe soonyana baka-Ashere ngokwemizalwane yabo.
-
25
|Josué 19:25|
Umda wabo waba yiHelekati, neHali, neBheten, neAkeshafi,
-
26
|Josué 19:26|
neAlameleki, neAmadi, neMishali; wafikelela eKarmele ngasentshonalanga, neShihore-libhenati.
-
27
|Josué 19:27|
Wabuya, wasinga ngecala eliphuma ilanga eBhete-dagon, wafikelela kwelakwaZebhulon, nakumfula waseIfeta-eli, ngasentla kweBhete-emeki, neNehiyeli; waphuma waya eKabhuli ngasekhohlo;
-
28
|Josué 19:28|
neHebron, neRehobhi, neHamon, neKana, wesa eTsidon enkulu.
-
29
|Josué 19:29|
Wabuya umda waya eRama, wesa emzini onqatyisiweyo oyiTire, wabuya umda waya eHosa; ukuma kwawo, waya wema ngolwandle, ngasesabelweni sika-Akezibhe;
-
30
|Josué 19:30|
neUma, neAfeki, neRehobhi: imizi emashumi mabini anamibini inemizana yayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7