-
-
Xhosa
-
-
31
|Josué 19:31|
Lilo elo ilifa loonyana baka-Ashere ngokwemizalwane yabo, loo mizi nemizana yayo.
-
32
|Josué 19:32|
Lavela iqashiso lesithandathu noonyana bakaNafetali, ileloonyana bakaNafetali ngokwemizalwane yabo.
-
33
|Josué 19:33|
Umda wabo wathabathela eHelefe, eMiokini yaseTsahanayim, neAdami-nekebhe, neYabheneli, wesa eLakum; nokuma kwawo, wema ngeYordan;
-
34
|Josué 19:34|
wabuya umda, wasinga entshonalanga eAzenoti-tabhore, waphuma khona waya eHukoki, wafikelela kwelakwaZebhulon ngasezantsi, wafikelela kwelakwa-Ashere ngasentshonalanga, nelakwaYuda eYordan ngasempumalanga.
-
35
|Josué 19:35|
Imizi enqatyisiweyo yaba yiTsidim, neTsere, neHamati, neRakati, neKinerete,
-
36
|Josué 19:36|
neAdama, neRama, neHatsore,
-
37
|Josué 19:37|
neKedeshe, ne-Edreyi, ne-En-hatsore,
-
38
|Josué 19:38|
neIron, neMigdali-eli, neHorem, neBhete-anati, neBhete-shemeshe: imizi elishumi elinesithoba inemizana yayo.
-
39
|Josué 19:39|
Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaNafetali, ngokwemizalwane yabo, loo mizi nemizana yayo.
-
40
|Josué 19:40|
Lavela iqashiso lesixhenxe nesizwe soonyana bakaDan ngokwemizalwane yabo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7