-
-
Xhosa
-
-
17
|Jueces 18:17|
Anyuka la madoda mahlanu abeye kulihlola ilizwe, aya khona, awuthabatha umfanekiso oqingqiweyo, ne-efodi, nemilonde-khaya, nomtyhido; waye umbingeleli lowo emi ekungeneni kwesango namadoda angamakhulu amathandathu axhobe iimpahla zemfazwe.
-
18
|Jueces 18:18|
Akuba lawa engene endlwini kaMika, ewuthabathile umfanekiso oqingqiweyo, iefodi, nemilonde-khaya, nomtyhido, uthe umbingeleli kuwo, Nenzani?
-
19
|Jueces 18:19|
Athi kuye, Yithi tu, beka isandla sakho emlonyeni wakho, uhambe nathi, ube ngubawo nombingeleli kuthi. Kulungile na ukuba ube ngumbingeleli wendlu yamntu mnye, kunokuba ube ngumbingeleli wesizwe nomzalwana kwaSirayeli?
-
20
|Jueces 18:20|
Yachwayitha intliziyo yombingeleli, wayithabatha iefodi, nemilonde-khaya, nomfanekiso oqingqiweyo, weza phakathi kwabantu abo.
-
21
|Jueces 18:21|
Ajika ke, ahamba, azibeka iintsapho neemfuyo nezinto ezizukileyo phambi kwawo.
-
22
|Jueces 18:22|
Akuba kude nendlu kaMika wona, athi amadoda asezindlwini ezingakwekaMika indlu ahlabelana umkhosi, eza afumanana noonyana bakaDan.
-
23
|Jueces 18:23|
Amemeza koonyana bakaDan; baguquka ngobuso, bathi kuMika, Ukhathazwa yini na, uhlaba umkhosi nje?
-
24
|Jueces 18:24|
Wathi yena, Oothixo bam endabenzayo nibathabathile, nemka naye nombingeleli wam; ndisenantoni na? Nitsho ngani na ke ukuthi kum, Ukhathazwa yini na?
-
25
|Jueces 18:25|
Bathi kuye oonyana bakaDan, Musa ukulivakalisa ilizwi lakho kuthi, hleze akugqibele amadoda amphefumlo ulugcalagcala, asuse umphefumlo wakho, nomphefumlo wendlu yakho.
-
26
|Jueces 18:26|
Bahamba ke ngendlela yabo oonyana bakaDan. Wabona uMika ukuba bomelele kunaye, wajika wabuyela endlwini yakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10