-
-
Xhosa
-
-
27
|Jueces 18:27|
Bayithabatha ke bona into abeyenzile uMika, nombingeleli lowo abenaye; bafika eLayishe kubantu abazolileyo, abonwabileyo, bababulala ngohlangothi lwekrele, bawutshisa umzi ngomlilo.
-
28
|Jueces 18:28|
Bekungekho mhlanguli, ngokuba bekude nowaseTsidon, bengatheni nabani, besentilini esingise eBhete-rehobhi. Bakha umzi, bahlala khona.
-
29
|Jueces 18:29|
Bathi igama laloo mzi ngowakwaDan, ngegama likaDan uyise, owazalelwa uSirayeli; kodwa igama laloo mzi libe liyiLayishe ngenxa engaphambili.
-
30
|Jueces 18:30|
Baza oonyana bakaDan bazimisela umfanekiso oqingqiweyo lowo; uYonatan unyana kaGershom, unyana kaManase, yena noonyana bakhe baba ngababingeleli esizweni sakwaDan, kwada kwayimini yokuthinjwa kwelizwe.
-
31
|Jueces 18:31|
Bazimisela ke umfanekiso oqingqiweyo kaMika abewenzile, yonke imihla ebiseseShilo indlu kaThixo.
-
1
|Jueces 19:1|
Kwathi ngaloo mihla, kungekho kumkani kwaSirayeli, kwabakho indoda engumLevi ephambukele emathambekeni akwaEfrayim, yazeka umfazi olishweshwe eBhetelehem yakwaYuda.
-
2
|Jueces 19:2|
Lahenyuza likuyo ishweshwe layo, lemka kuyo, laya endlwini yoyise walo eBhetelehem yakwaYuda, laba khona imihla eziinyanga ezine.
-
3
|Jueces 19:3|
Yesuka indoda yalo yaliphuthuma, ukuba ithethe kakuhle nalo ilibuyise, inomfana namaesile amabini. Layingenisa endlwini yoyise walo. Wayibona uyise wentombazana leyo, wakuvuyela ukuhlangana nayo.
-
4
|Jueces 19:4|
Wayigcina uyise womfazi, uyise wentombazana leyo; yahlala naye imihla yamithathu, badla, basela, balala khona.
-
5
|Jueces 19:5|
Kwathi ngomhla wesine, bavuka kusasa; yesuka yona ukuba imke. Wathi uyise wentombazana kumyeni wayo, Khawuxhase intliziyo yakho ngeqhekeza lesonka, nandule ukuhamba.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10