-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Levítico 13:11|
liqhenqa elidala eli eluswini lwenyama yakhe; umbingeleli wothi uyinqambi; angamvaleli, ngokuba uyinqambi.
-
12
|Levítico 13:12|
Ke ukuba iqhenqa lithe qwele kakhulu eluswini, iqhenqa lalugubungela lonke ulusu lonesibetho, lathabathela entloko lesa ezinyaweni, ngokubona konke kwamehlo ombingeleli,
-
13
|Levítico 13:13|
umbingeleli wokhangela; O! liyigubungele yonke inyama yakhe iqhenqa; wothi uhlambulukile onesibetho; usuke waba mhlophe wonke ephela, uhlambulukile.
-
14
|Levítico 13:14|
Ke ngomhla ebonakeleyo kuye inyama ekrwada, uyinqambi.
-
15
|Levítico 13:15|
Aze ayikhangele umbingeleli inyama ekrwada, athi uyinqambi; inyama ekrwada iyinqambi: liqhenqa ke elo.
-
16
|Levítico 13:16|
Naxa ithe yabuya inyama ekrwada, yasuka yaba mhlophe, woza kumbingeleli;
-
17
|Levítico 13:17|
umbingeleli amkhangele, O! sisuke isibetho saba mhlophe, umbingeleli wothi uhlambulukile onesibetho; uhlambulukile ke yena.
-
18
|Levítico 13:18|
Ke inyama, xa kuthe kwakho kuyo eluswini lwayo ithumba, laphola;
-
19
|Levítico 13:19|
kwabakho endaweni yethumba ukufukuka okumhlophe, nokuba litshatshazi elifuna ukuba yingqombela, wobonakala kumbingeleli;
-
20
|Levítico 13:20|
akhangele umbingeleli, O! libonakala lithe gangqa eluswini, unwele lwalo lusuke lwamhlophe; umbingeleli wothi uyinqambi: sisibetho seqhenqa eso, sithe qwele ethumbeni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40