-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
51
|Levítico 13:51|
ayikhangele loo nto inesibetho ngomhla wesixhenxe. Xa sithe saqhenqetha isibetho engutyeni, naselusingeni lokoluka, naselusingeni lokuluka, nasesikhumbeni, ezintweni zonke ezenziwe ngesikhumba: liqhenqa elisenza mandundu isibetho. Yinqambi ke leyo.
-
52
|Levítico 13:52|
Woyitshisa ingubo, nosinga lokoluka, nosinga lokuluka, noboya, nelinen, nempahla yonke yesikhumba esikhoyo kuyo isibetho: ngokuba liqhenqa elimandundu; yotshiswa loo mpahla ngomlilo.
-
53
|Levítico 13:53|
Ukuba umbingeleli uthe wakhangela, O! isibetho asiqhenqethanga engutyeni, naselusingeni lokoluka, naselusingeni lokuluka, nasempahleni yonke yesikhumba:
-
54
|Levítico 13:54|
wowisa umthetho umbingeleli, ihlanjwe loo nto sikuyo isibetho, aphinde ayivalele imihla esixhenxe;
-
55
|Levítico 13:55|
asikhangele umbingeleli isibetho emveni kokuhlanjwa, O! isibetho asiguqukanga ukubonakala kwaso, asiqhenqethanga isibetho: yinqambi loo nto; yotshiswa ngomlilo. Yinkrombonca ngaphakathi nangaphandle.
-
56
|Levítico 13:56|
Ke ukuba uthe wakhangela umbingeleli, O! isibetho sibunile emveni kokuhlanjwa kwaso: wosikrazula, asikhuphe engutyeni, nasesikhumbeni, naselusingeni lokoluka, naselusingeni lokuluka.
-
57
|Levítico 13:57|
Ukuba sithe sabuya sabonakala engutyeni, naselusingeni lokoluka, naselusingeni lokuluka, nasempahleni yonke yesikhumba: kukuthi qwele kwaso oko; woyitshisa ngomlilo loo nto sikuyo isibetho.
-
58
|Levítico 13:58|
Ingubo, nosinga lokoluka, nosinga lokuluka, nempahla yonke yesikhumba ehlanjiweyo, ukuba sithe isibetho semka kuyo, yophindwa ihlanjwe, ihlambuluke ke.
-
59
|Levítico 13:59|
Nguwo lowo ke umyalelo wesibetho seqhenqa engutyeni yoboya neyelinen, naselusingeni lokoluka, naselusingeni lokuluka, nasempahleni yonke yesikhumba, wokuthi zihlambulukile, nowokuthi ziziinqambi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38