-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Levítico 19:1|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
2
|Levítico 19:2|
Thetha kwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Yibani ngcwele; kuba ndiyiNgcwele mna, Yehova, uThixo wenu.
-
3
|Levítico 19:3|
Yoyikani elowo unina noyise; nizigcine iisabatha zam: ndinguYehova, uThixo wenu.
-
4
|Levítico 19:4|
Musani ukubheka kwiinto ezingeni; ningazenzeli izithixo ezityhidiweyo: ndinguYehova, uThixo wenu.
-
5
|Levítico 19:5|
Xa nibingelela kuYehova umbingelelo woxolo, nobingelela ukuze unikholekise.
-
6
|Levítico 19:6|
Wodliwa ngomhla wokubingelela kwenu nangengomso; okuseleyo kwada kwangumhla wesithathu kotshiswa ngomlilo.
-
7
|Levítico 19:7|
Ukuba kuthe kwadliwa nokudliwa ngomhla wesithathu, kuyimbozisa; akuyi kukholekisa.
-
8
|Levítico 19:8|
Ke okudlayo, wobuthwala ubugwenxa bakhe; ngokuba eyihlambele ingcwele kaYehova; loo mphefumlo wonqanyulwa, ungabikho ebantwini bakowawo.
-
9
|Levítico 19:9|
Ekuvuneni kwenu isivuno selizwe lenu, uze ungawavuni ugqibelele amacala entsimi yakho, ungabhikici lubhikico lokuvuna kwakho.
-
10
|Levítico 19:10|
Uze ungasicholi isidiliya sakho; nento evuthulukileyo yomdiliya wakho uze ungayibhikici; woyishiyela olusizana nomphambukeli: ndinguYehova, uThixo wenu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3