-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
31
|Levítico 19:31|
Musani ukubheka kwabanemishologu; musani ukubafuna oosiyazi, ukuze nenziwe inqambi ngabo: ndinguYehova uThixo wenu.
-
32
|Levítico 19:32|
Suka ume ebusweni bengwevu, ububeke ubuso bexhego, umoyike uThixo wakho: ndinguYehova.
-
33
|Levítico 19:33|
Xa umphambukeli aphambukela kuni ezweni lenu, ize ningambandezeli.
-
34
|Levítico 19:34|
Kuni woba njengozalelwe phakathi kwenu ekhaya, umphambukeli ophambukele kuni; uze umthande ngoko uzithanda ngako; ngokuba nibe ningabaphambukeli ezweni laseYiputa: ndinguYehova, uThixo wenu.
-
35
|Levítico 19:35|
Ize ningenzi bugqwetha ekugwebeni nasekulinganiseni ubude, nobunzima, nokuzala kwento.
-
36
|Levítico 19:36|
Noba nezikali zobulungisa, namatye obulungisa, ne-efa yobulungisa, nehin yobulungisa. NdinguYehova, uThixo wenu, onikhuphileyo ezweni laseYiputa.
-
37
|Levítico 19:37|
Ize niyigcine imimiselo yam yonke, namasiko am onke, niwenze: ndinguYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21