-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Levítico 23:21|
Nize nimeme ngenkqu yayo loo mini, ukuba kubekho intlanganiso engcwele kuni; ize ningenzi msebenzi wakukhonza. Ngummiselo ongunaphakade emakhayeni enu onke ezizukulwaneni zenu.
-
22
|Levítico 23:22|
Ekuvuneni kwenu isivuno selizwe lenu, uze ungaligqibi icala lentsimi yakho ekuvuneni kwakho, ungalubhikici ubhikico lwesivuno sakho; woshiyela olusizana nomphambukeli: ndinguYehova uThixo.
-
23
|Levítico 23:23|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
24
|Levítico 23:24|
Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Ngenyanga yesixhenxe, ngolokuqala enyangeni leyo, noba nesabatha, isikhumbuzo sokumema ngesigodlo intlanganiso engcwele.
-
25
|Levítico 23:25|
Ize ningenzi namnye umsebenzi wakukhonza; nosondeza ukudla kwasemlilweni kuYehova.
-
26
|Levítico 23:26|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
27
|Levítico 23:27|
Kodwa ngolweshumi kule nyanga yesixhenxe, ngomhla wokucamagusha, yoba yintlanganiso engcwele kuni, niyithobe imiphefumlo yenu; nisondeze ukudla kwasemlilweni kukaYehova.
-
28
|Levítico 23:28|
Ize ningenzi namnye umsebenzi ngenkqu yayo loo mini, kuba ngumhla wokucamagusha, wokunicamagushela phambi koYehova uThixo wenu.
-
29
|Levítico 23:29|
Kuba wonke umphefumlo, osukuba ungazithobi ngenkqu yayo loo mini, wonqanyulwa, ungabikho ebantwini bakowawo.
-
30
|Levítico 23:30|
Wonke umphefumlo, osukuba usenza namnye umsebenzi ngenkqu yayo loo mini, ndowutshabalalisa loo mphefumlo, ungabikho phakathi kwabantu bako wawo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10