-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
31
|Levítico 23:31|
Ize ningenzi namnye umsebenzi. Ngummiselo ongunaphakade ezi zukulwaneni zenu, emakhayeni enu onke.
-
32
|Levítico 23:32|
Yisabatha kasabatha kuni; noyithoba imiphefumlo yenu. Ngolwe sithoba enyangeni leyo, ngokuhlwa, kuthabathele ekuhlweni kuse ekuhlweni, nophumla ngesabatha yenu.
-
33
|Levítico 23:33|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
34
|Levítico 23:34|
Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Ngosuku lweshumi elinesihlanu kule nyanga yesixhenxe, ngumthendeleko weminquba iintsuku ezisixhenxe kuYehova.
-
35
|Levítico 23:35|
Ngosuku lokuqala yintlanganiso engcwele; ize ningenzi msebenzi wakukhonza.
-
36
|Levítico 23:36|
Iintsuku ezisixhenxe nosondeza ukudla kwasemlilweni kuYehova; ngosoku lwesibhozo yoba yintlanganiso engcwele kuni, nisondeze ukudla kwasemlilweni kuYehova. Yingqungquthela; ize ningenzi msebenzi wakukhonza.
-
37
|Levítico 23:37|
Ngawo lawo amaxesha amisiweyo kaYehova, enowavakalisa abe ziintlanganiso ezingcwele, okusondeza ukudla kwasemlilweni kuYehova: idini elinyukayo, nomnikelo wokudla, umbingelelo neminikelo ethululwayo, into yemini ngangemini yayo;
-
38
|Levítico 23:38|
ngaphandle kweesabatha zikaYehova, nangaphandle kweminikelo yenu, nangaphandle kwezibhambathiso zenu zonke, nangaphandle kweminikelo yenu yonke yokuqhutywa yintliziyo, enimnikayo uYehova.
-
39
|Levítico 23:39|
Kodwa ngosuku lweshumi elinesihlanu enyangeni yesixhenxe, ekuhlanganiseni kwenu ungeniselo lwelizwe, ize nenze umthendeleko kaYehova iintsuku ezisixhenxe; ngomhla wokuqala yisabatha, nangomhla wesibhozo yisabatha.
-
40
|Levítico 23:40|
Ize nizithabathele ngomhla wokuqala amahlamvu emithi okuhombisa, amagqabi amasundu, namasebe emithi ethe shinyi, nemingculuba yasemlanjeni; nigcobe phambi koYehova uThixo wenu iintsuku ezisixhenxe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7