-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Levítico 24:1|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
2
|Levítico 24:2|
Bawisele umthetho oonyana bakaSirayeli, bathabathe bazise kuwe ioli eqaqambileyo yeminquma engqushiweyo yesikhanyiso, ukuba kumiswe isibane samaxesha onke.
-
3
|Levítico 24:3|
Nganeno komkhusane wesingqino, ententeni yokuhlangana, wohlala ezicwangcisa uAron izibane phambi koYehova, kuthabathela ngokuhlwa kuzise ekuseni: ngummiselo ongunaphakade ezizukulwaneni zenu.
-
4
|Levítico 24:4|
Wohlala ezicwangcisa izibane esiphathweni sezibane esicocekileyo phambi koYehova.
-
5
|Levítico 24:5|
Uze uthabathe umgubo ocoliweyo, uwose ube yimiqhathane elishumi elinamibini, umqhathane omnye ube zizahlulo ezibini zesishumi.
-
6
|Levítico 24:6|
Uze uyikrozise ngemikrozo emibini, ibe mithandathu mkrozweni mnye, etafileni ecocekileyo ephambi koYehova;
-
7
|Levítico 24:7|
ubeke intlaka emhlophe eqaqambileyo phezu komkrozo ngamnye, ibe sisikhumbuzo sesonka, ukudla kwasemlilweni kuYehova.
-
8
|Levítico 24:8|
Wohlala eyicwangcisa phambi koYehova ngemihla yonke yesabatha, ivela koonyana bakaSirayeli: ngumnqophiso ongunaphakade.
-
9
|Levítico 24:9|
Yoba yeka-Aron noonyana bakhe, bayidle endaweni engcwele; kuba yingcwele kangcwele kuye, ivela ekudleni kwasemlilweni kukaYehova: ngummiselo ongunaphakade.
-
10
|Levítico 24:10|
Ke kaloku kwaphuma unyana womSirayelikazi phakathi koonyana bakaSirayeli; waye engunyana womYiputa. Lo nyana womSirayelikazi nomfo wakwaSirayeli bantlalana eminqubeni,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7