-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Levítico 24:11|
unyana womSirayelikazi lowo walithuka iGama, watshabhisa. Bamzisa kuMoses (igama lonina lalinguShelomiti, intombi kaDibri, wesizwe sakwaDan).
-
12
|Levítico 24:12|
Bamfaka elugcinweni, bade babahlulele loo nto ngokomlomo kaYehova.
-
13
|Levítico 24:13|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
14
|Levítico 24:14|
Mkhupheni lowo utshabhisileyo, abe ngaphandle kweminquba; bonke abo bamvileyo bacinezele ngezandla zabo entlokweni yakhe, limxulube ngamatye lonke ibandla.
-
15
|Levítico 24:15|
Uze uthethe koonyana bakaSirayeli, uthi, Umntu ngomntu, xa athe wamtshabhisa uThixo wakhe, wosithwala isono sakhe.
-
16
|Levítico 24:16|
Olithukayo igama likaYehova makabulawe afe. Lonke ibandla lomxuluba okunene ngamatye, kwanomphambukeli, kwanozalelwe ekhaya; ekulithukeni kwakhe iGama makabulawe.
-
17
|Levítico 24:17|
Umntu othe wabetha umntu wafa, nokuba nguwuphi, makabulawe afe.
-
18
|Levítico 24:18|
Obethe inkomo yafa, woyimisela; umphefumlo ngomphefumlo.
-
19
|Levítico 24:19|
Umntu xa athe wamlimaza ummelwane wakhe, njengoko enze ngako, makwenziwe ngako kuye:
-
20
|Levítico 24:20|
ukwaphulwa ngokwaphulwa, iliso ngeliso, izinyo ngezinyo. Njengoko amlimazileyo umntu, makwenziwe ngoko kuye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21