-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Levítico 5:1|
Ke ubani xa athe wona ngokuthi, elivile izwi lesifungo sokuzishwabulela, elingqina ke, nokuba ubonile, nokuba uyazi, angaxeli: wobuthwala ubugwenxa bakhe.
-
2
|Levítico 5:2|
Ubani osukuba echukumisa into yonke eyinqambi, nokuba sisidumbu sezinto eziphilileyo eziziinqambi, nokuba sisidumbu sezinto ezizitho zine eziziinqambi, nokuba sisidumbu sesinambuzane esiyinqambi, engakwazi oko: uyinqambi, uzeke ityala.
-
3
|Levítico 5:3|
Xa athe wachukumisa ubuqambi bomntu, ubunqambi bakhe bonke ayinqambi ngabo, engakwazi oko, waza wabuya wakwazi oko: uzeke ityala.
-
4
|Levítico 5:4|
Xa ke ubani athe wafunga, waphololoza ngomlomo wakhe, esithi, uya kwenza into, nokuba imbi, nokuba ilungile, ezintweni zonke athe waziphololoza umntu ngesifungo, engakwazi oko, waza wabuya wakwazi oko: uzeke ityala nangayiphi kwezo nto.
-
5
|Levítico 5:5|
Kothi ke, xa athe wazeka ityala nangayiphi kwezo nto, ayivume into one ngayo;
-
6
|Levítico 5:6|
alizise idini letyala lakhe kuYehova, ngenxa yesono sakhe one ngaso, azise ithokazi lasempahleni emfutshane, imvanazana nokuba litakanekazi lebhokhwe exhonti, libe lidini lesono, aze umbingeleli amcamagushele ngesono sakhe.
-
7
|Levítico 5:7|
Ukuba ke isandla sakhe sithe asaba nakuyifumana into elingana netakane, wozisa kuYehova idini letyala lakhe one ngalo, amahobe amabini, nokuba ngamagobo evukuthu abe mabini, elinye libe lidini lesono, elinye libe lidini elinyukayo.
-
8
|Levítico 5:8|
Wowazisa kumbingeleli, asondeze eledini lesono kuqala, aliqhawule intloko ngasentanyeni, angalahluli kanye;
-
9
|Levítico 5:9|
afefe ngenxalenye yegazi ledini lesono ecaleni lesibingelelo, eliseleyo igazi likhanyelwe esisekweni sesibingelelo. Lidini lesono ke elo.
-
10
|Levítico 5:10|
Elesibini maze alenze idini elinyukayo ngokwesiko, umbingeleli amcamagushele ngesono sakhe one ngaso; woxolelwa ke.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7