-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Levítico 5:11|
Ukuba ke isandla sakhe sithe asaba nakuwafumana amahobe amabini, nokuba ngamagobo evukuthu amabini, wozisa umsondezo wakhe lowo wonileyo, ube sisahlulo seshumi se-efa yomgubo ocoliweyo, ube lidini lesono, angabeki oli phezu kwawo, angabeki ntlaka imhlophe phezu kwawo; kuba lidini lesono elo.
-
12
|Levítico 5:12|
Wowuzisa kumbingeleli, umbingeleli asube kuwo, sizale isandla sakhe, aqhumisele ngesikhumbuzo salo esibingelelweni, phezu kokudla kwasemlilweni kukaYehova. Lidini lesono ke elo.
-
13
|Levítico 5:13|
Umbingeleli womcamagushela ngesono sakhe one ngaso, nangayiphi kwezo nto; woxolelwa ke. Oseleyo woba ngowombingeleli, njengomnikelo wokudla.
-
14
|Levítico 5:14|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
15
|Levítico 5:15|
Xa ubani athe wameneza, wona ezintweni ezingcwele zikaYehova ngokulahleka, wozisa idini letyala lakhe kuYehova, inkunzi yemvu egqibeleleyo yasempahleni emfutshane, iyeyeeshekele zesilivere ngokweshekele yengcwele ngokulinganisela kwakho, ibe lidini letyala.
-
16
|Levítico 5:16|
Nento one kuyo ezintweni ezingcwele, makayimisele, ongeze isahlulo sesihlanu phezu kwayo, ayinike umbingeleli; umbingele amcamagushele ngenkunzi yemvu yedini letyala; woxolelwa ke.
-
17
|Levítico 5:17|
Nokuba ubani uthe wona, wenza into kumthetho kaYehova, nokuba nguwuphi na, wento engeyakwenziwa, engazi: uzeke ityala, ubuthwele ubugwenxa bakhe.
-
18
|Levítico 5:18|
Wozisa kumbingeleli inkunzi yemvu egqibeleleyo yasempahleni emfutshane, ngokulinganisela kwakho, ibe lidini letyala; umbingeleli amcamagushele ngokulahleka kwakhe alahleke ngako, engazi; woxolelwa ke.
-
19
|Levítico 5:19|
Lidini letyala ke elo; unetyala okunene kuYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7