-
-
Xhosa
-
-
1
|Marcos 14:1|
Ke kaloku bekuza kubakho ipasika, izonka ezingenagwele, emveni kweentsuku ezimbini; baye ke ababingeleli abakhulu nababhali befuna ukuba bangathini na ukumbamba ngenkohliso, bambulale.
-
2
|Marcos 14:2|
Babesithi ke, Makungabi khona ngomthendeleko, hleze kubekho isaqunge sabantu.
-
3
|Marcos 14:3|
Kuthe eseBhetani, endlwini kaSimon owayeneqhenqa, akubonÂ’ ukuba uhleli, kweza umfazi enehlala lelabhastile, linamafutha enadusi engangxengelelweyo, exabiso likhulu; walityumza ihlala elo lelabhastile, wamgalela ngawo entloko.
-
4
|Marcos 14:4|
Kwaye ke kukho abathile abacaphukayo phakathi kwabo, besithi, Yenzelweni na le nkcitho yamafutha aqholiweyo?
-
5
|Marcos 14:5|
Kuba la mafutha bekungathengiswayo ngawo ngenani elingaphezu kweedenariyo ezimakhulu mathathu, kuphiwe amahlwempu; basuka bamfuthela.
-
6
|Marcos 14:6|
Uthe ke uYesu, Myekeni; nimaphulelani na? Usebenze umsebenzi omhle kum;
-
7
|Marcos 14:7|
kuba amahlwempu lawo nihleli ninawo, nize xa sukuba nithanda, nibe nako ukuwenzela okulungileyo; ke mna anihleli ninam.
-
8
|Marcos 14:8|
Yena ukwenzile abenako; uphange weza wawuthambisela ukungcwatywa umzimba wam.
-
9
|Marcos 14:9|
Inene ndithi kuni, Apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zilungileyo kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto ayenzileyo yena, ibe sisikhumbuzo ngaye.
-
10
|Marcos 14:10|
UYuda Sikariyoti, omnye kwabeshumi elinababini, wesuka waya kubabingeleli abakhulu, ukuba amnikele kubo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10