-
-
Xhosa
-
-
11
|Marcos 14:11|
Bathi ke bona bakuva bavuya; bambeka ngedinga lokumnika imali. Wayefuna ukuba angathini na ukumnikela ngexesha elimlungeleyo.
-
12
|Marcos 14:12|
Ke kaloku, ngowokuqala umhla wezonka ezingenagwele, xa bekubingelelwa imvana yepasika, bathi kuye abafundi bakhe, Unga singaya kulungisa phi na, ukuze uyidle ipasika?
-
13
|Marcos 14:13|
Ususa babini kubafundi bakhe, athi kubo, Hambani niye kuwo umzi; nohlangatyezwa ngumntu ethwele umphanda wamanzi; mlandeleni.
-
14
|Marcos 14:14|
Apho athe wangena khona, nothi kumninindlu, Uthi uMfundisi, Iphi na indlu yabahambi, apho ndingayidlela khona ipasika nabafundi bam?
-
15
|Marcos 14:15|
Yena wonibonisa igumbi eliphezulu, elikhulu, landlelwe lalungiswa; silungiseleleni apho.
-
16
|Marcos 14:16|
Baphuma abafundi bakhe abo, baya kungena kuwo umzi, bafumana kunjengoko wayebaxelele, bayilungisa ipasika.
-
17
|Marcos 14:17|
Uthi kwakuhlwa, eze nabalishumi elinababini.
-
18
|Marcos 14:18|
BakubonÂ’ ukuba bahleli, bayadla, wathi uYesu, Inene, ndithi kuni, omnye kuni aba uya kundingcatsha, lowo ke udla nam.
-
19
|Marcos 14:19|
Baqala ke ukuba buhlungu, nokuthi kuye ngabanye, Ingaba ndim, yini na? Nomnye wathi, Ingaba ndim, yini na?
-
20
|Marcos 14:20|
Uphendule ke wathi kubo, Ngomnye kwabeshumi elinababini, lowo ke uthi nkxu nam esityeni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19