-
-
Xhosa
-
-
21
|Marcos 14:21|
UNyana woMntu uyemka okunene, njengoko kubhalwe ngaye; yeha ke, loo mntu uNyana woMntu angcatshwa nguye! Ngekumlungele ukuba ebengazalwanga loo mntu.
-
22
|Marcos 14:22|
BakubonÂ’ ukuba bayadla, uYesu wathabatha isonka, wasikelela, waqhekeza, wabanika, wathi, Thabathani nidle; ngumzimba wam lo.
-
23
|Marcos 14:23|
Wayithabatha nendebe, wabulela, wabanika; basela kuyo bonke.
-
24
|Marcos 14:24|
Wathi kubo, Ligazi lam eli lomnqophiso omtsha, eliphalala ngenxa yabaninzi.
-
25
|Marcos 14:25|
Inene ndithi kuni, Andisayi kubuya ndisele esiqhameni somdiliya, kude kube yiloo mini sukuba ndisisela sisitsha ebukumkanini bukaThixo.
-
26
|Marcos 14:26|
Bakuba bevume ingoma yokubonga, baphuma baya eNtabeni yemiNquma.
-
27
|Marcos 14:27|
Athi kubo uYesu, Nonke niya kukhubeka kum ngobu busuku; ngokuba kubhaliwe kwathiwa, Ndiya kubetha kumalusi, zichithwachithwe izimvu.
-
28
|Marcos 14:28|
Ke emveni kokuvuka kwam, ndiya kunandulela, ndiye kwelaseGalili.
-
29
|Marcos 14:29|
Wathi ke uPetros kuye, Nokuba baya kukhubeka bonke, mna nakanye.
-
30
|Marcos 14:30|
Athi uYesu kuye, Inene ndithi kuwe, namhlanje, kwangobu busuku, ingekalili kabini inkuku, uya kundikhanyela kathathu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10