-
-
Xhosa
-
-
61
|Marcos 14:61|
Wahlala ke yena wathi tu, akaphendula nento. Wabuya umbingeleli omkhulu wambuza, wathi kuye, Unguye na uKristu, uNyana waLowo ungowokubongwa?
-
62
|Marcos 14:62|
Uthe ke uYesu, Ndinguye; niya kumbona nokumbona uNyana woMntu, ehleli ngasekunene kwamandla, esiza namafu ezulu.
-
63
|Marcos 14:63|
Usuka ke umbingeleli omkhulu azikrazule iingubo zakhe, athi, Sisawafunelani na amangqina?
-
64
|Marcos 14:64|
Nikuvile ukunyelisa; kunjani kuni nina? Bamgweba ke bonke ukuba unetyala lokuba afe.
-
65
|Marcos 14:65|
Yaqala inxenye ukumtshicela, nokumgqubuthela ubuso, nokumntlitha, nokuthi kuye, Profeta; aye amadindala emtywakraza.
-
66
|Marcos 14:66|
Kuthi ke, akubonÂ’ ukuba uPetros usentendelezweni ngezantsi, kuze omnye umkhonzazana wombingeleli omkhulu,
-
67
|Marcos 14:67|
ambone uPetros esotha, ondele kuye, athi, Nawe ubunaye uYesu waseNazarete.
-
68
|Marcos 14:68|
Wakhanyela ke esithi, Andiyazi, andiyiqondi kanye into oyithethayo wena. Waphuma waya phandle kwengaphambili intendelezo; yalila ke inkuku.
-
69
|Marcos 14:69|
Umkhonzazana ubuye wambona, waqala ukuthi kwabo babemi khona, Lo ngowakubo.
-
70
|Marcos 14:70|
Waphinda ke wakhanyela. Kuthe, kwakuba mzuzwana, babuya abo babemi khona, bathi kuPetros. Inyaniso, ungowakubo; kuba ungowaseGalili, nokuthetha kwakho kuyafana nokwabo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10