-
-
Xhosa
-
-
48
|Marcos 10:48|
Baye abaninzi bemkhalimela ukuba athi tu; kwaba kokukhona ke wadandulukayo ngakumbi, esithi, Nyana kaDavide, ndenzele inceba.
-
49
|Marcos 10:49|
Wema uYesu wathi, Makabizwe. Bayibiza ke imfama, besithi kuyo, Yomelela, sukÂ’ ume; uyakubiza.
-
50
|Marcos 10:50|
Ithe ke yona, ilahle ingubo yayo, yesuka yeza kuYesu.
-
51
|Marcos 10:51|
Aphendule athi kuyo uYesu, Uthanda ukuba ndikwenzele ntoni na? Yathi ke imfama kuye, Rabhoni, ndithanda ukuba ndibone.
-
52
|Marcos 10:52|
Wathi ke uYesu kuyo, Hamba uhambe; ukholo lwakho lukusindisile. Yabona kwaoko, yamlandela uYesu endleleni apho.
-
1
|Marcos 11:1|
Ke kaloku, xa basondelayo eYerusalem, eBhetefage naseBhetani, besingisa eNtabeni yemiNquma, ususa babe babini kubafundi bakhe,
-
2
|Marcos 11:2|
athi kubo, Hambani niye emzaneni lo ukhangelene nani; nothi ningena kuwo, nibe senifumana ithole le-esile libotshelelwe, ekungazanga kuhlale namnye umntu phezu kwalo; likhululeni nilizise.
-
3
|Marcos 11:3|
Nokuba ubani uthe kuni, Yini na ukuba nikwenze oko? nothi, Liyafuneka eNkosini; wothi kwaoko ke alithumele apha.
-
4
|Marcos 11:4|
Basuka ke baya, balifumana ithole libotshelelwe ngasemnyango ngaphandle, ekuhlanganeni kweendlela; balikhulula.
-
5
|Marcos 11:5|
Baye abathile kwababemi khona besithi kubo, Nenza ntoni na, nilikhulula nje ithole?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7