-
-
Xhosa
-
-
6
|Marcos 11:6|
Bathetha ke kubo njengoko uYesu ebebawisele umthetho ngako; baza babayeka.
-
7
|Marcos 11:7|
Balizisa ithole kuYesu; baziphosa iingubo zabo phezu kwalo; wahlala phezu kwalo.
-
8
|Marcos 11:8|
Ke kaloku abaninzi bazandlala iingubo zabo endleleni; baye ke abanye bexhuzula amahlamvu emithini, bewandlala endleleni.
-
9
|Marcos 11:9|
Baye abo babehamba ngaphambili, nabo babelandela, bedanduluka, besithi, Hosana; makabongwe lo uzayo egameni leNkosi.
-
10
|Marcos 11:10|
Mabubongwe ubukumkani bobawo wethu uDavide, obo buzayo egameni leNkosi! Hosana enyangweni!
-
11
|Marcos 11:11|
Uthe ke uYesu wangena eYerusalem nasetempileni; ezisingasingile izinto zonke, wathi, kuba bekusekuhlwile, waphuma waya eBhetani, enabalishumi elinababini.
-
12
|Marcos 11:12|
Uthe ngengomso, bakubonÂ’ ukuba baphumile eBhetani, walamba.
-
13
|Marcos 11:13|
Wathi, ebone umkhiwane ukude, unamagqabi, waya kukhangela ukuba angafumana nto na kuwo; akufika kuwo, akafumana nto, kwakuphela ngamagqabi; kuba belingelilo ixesha lamakhiwane.
-
14
|Marcos 11:14|
Waphendula uYesu wathi kuwo, Makungaze kudle mntu siqhamo kuwe naphakade. Baye besiva ke abafundi bakhe.
-
15
|Marcos 11:15|
Bafika eYerusalem. Waza uYesu, eye kungena etempileni, waqala wabakhupha ababethengisa nababethenga etempileni; wathi neetafile zabanani bemali nezihlalo zabathengisa ngamahobe wazibhukuqa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3