-
-
Xhosa
-
-
26
|Marcos 11:26|
Ke, ukuba anixoleli nina, naye uYihlo osemazulwini akasayi kunixolela iziphoso zenu.
-
27
|Marcos 11:27|
Babuya beza eYerusalem; kuthi, akubonÂ’ ukuba uyahamba etempileni, kuze kuye ababingeleli abakhulu, nababhali, namadoda amakhulu;
-
28
|Marcos 11:28|
bathi kuye, Uzenza ezi zinto ngagunya lini na? Kanjalo ngubani na okunike eli gunya lokuze ezi zinto uzenze?
-
29
|Marcos 11:29|
Waphendula ke uYesu, wathi kubo, Nam ndiya kunibuza zwi-nye, ze nindiphendule; ndonixelela ke, ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.
-
30
|Marcos 11:30|
Ubhaptizo lukaYohane lwaluphuma emazulwini, lwaluphuma ebantwini, sini na? Ndiphenduleni.
-
31
|Marcos 11:31|
Baye becamanga phakathi kwabo, besithi, Ukuba sithe, Lwaluphuma emazulwini, wothi, Ibiyini na phofu ukuba ningakholwa nguye?
-
32
|Marcos 11:32|
Kodwa ukuba sithe, Lwaluphuma ebantwini—babesoyika abantu; kuba bonke babebambe ukuthi uYohane ubengumprofeti inene.
-
33
|Marcos 11:33|
Baphendula bathi kuYesu, Asazi. Aphendule uYesu athi kubo, Nam andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.
-
1
|Marcos 12:1|
Waqala ukuthi kubo ngemizekeliso, Umntu watyala isidiliya, wasibiyela ngothango, wemba isixovulelo seediliya, wakha inyango, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye.
-
2
|Marcos 12:2|
Wathi ngelona xesha, wathuma umkhonzi kubalimi abo, ukuba amkele kubalimi esiqhameni sesidiliya eso.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7