-
-
Xhosa
-
-
23
|Marcos 12:23|
Ngoko eluvukweni, uya kuba ngumfazi wawuphi na kubo? kuba babenaye bosixhenxe engumfazi.
-
24
|Marcos 12:24|
Waphendula uYesu wathi kubo, Anilahleki na, ngenxa yale ndawo yokuba ningazazi izibhalo kwanamandla kaThixo?
-
25
|Marcos 12:25|
Kuba, xa bathe babuya bavuka kwabafileyo, abazeki, abendiswa; banjengazo izithunywa ezisemazulwini.
-
26
|Marcos 12:26|
Ngokusingisele kwabafileyo ke, ukuba bayavuka, anilesanga na encwadini kaMoses, endaweni ethetha ngetyholo, okokuba uThixo wathetha kuye esithi, Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi?
-
27
|Marcos 12:27|
AkaThixo wabafileyo, unguThixo wabaphilileyo. Nina ke ngoko niyalahleka kakhulu.
-
28
|Marcos 12:28|
Kwafika omnye wakubabhali; wabeva bebuzana; waqonda ukuba ubaphendule kakuhle. Wambuza esithi, Owona mthetho uphambili kuyo yonke nguwuphi na?
-
29
|Marcos 12:29|
UYesu wamphendula ke esithi, Owona ungaphambili kuyo yonke imithetho ngulo: Yiva, Sirayeli, iNkosi uThixo wethu yiNkosi inye;
-
30
|Marcos 12:30|
uze uyithande ke iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, na ngomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela, nangamandla akho ephela. Nguwo lo ongaphambili umthetho.
-
31
|Marcos 12:31|
Nowesibini ufana nawo; nangu: Uze umthande ummelwane wakho njengoko uzithanda ngako. Akukho mthetho wumbi mkhulu kunale.
-
32
|Marcos 12:32|
Wathi umbhali kuye, Ngxatsho ke, Mfundisi, uthethe inyaniso; ngokuba mnye uThixo, akukho wumbi ngaphandle kwakhe;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7