-
-
Xhosa
-
-
9
|Marcos 13:9|
Zilumkeleni ke okwenu; kuba baya kuninikela ezintlanganisweni zamatyala, nityatyulwe ezindlwini zesikhungu, nimiswe phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam, kube bubungqina kubo.
-
10
|Marcos 13:10|
Kumele ukuthi ke ukuqala kuvakaliswe iindaba ezilungileyo ezi kuzo zonke iintlanga.
-
11
|Marcos 13:11|
Xa sukuba ke benirhola beya kuninikela, musani ukuyixhalela kwangaphambili into eniya kuyithetha, ningacamangi nokucamanga nto. Into enithe nayinikwa ngelo xa, thethani yona; kuba asinini enithethayo, nguMoya oyiNgcwele.
-
12
|Marcos 13:12|
Ke kaloku, umzalwana uya kunikela umzalwana ekufeni, aze uyise anikele umntwana, bathi nabantwana bavukelane nabazali, bababulalise;
-
13
|Marcos 13:13|
nithiywe ngabantu bonke, ngenxa yegama lam. Ke onyamezelayo kude kube sekupheleni, lowo wosindiswa.
-
14
|Marcos 13:14|
Ke kaloku, xa nithe nalibona isikizi lesiphanziso, ekwakuthethwa lona ngoDaniyeli umprofeti, limi apho lingamele kuba khona (olesayo makaqiqe), mabathi ngelo xa abo bakwaYuda basabele ezintabeni.
-
15
|Marcos 13:15|
Ophezu kwendlu ke makangehli aye endlwini, angangeni aye kuthabatha into endlwini yakhe.
-
16
|Marcos 13:16|
Nalowo usentsimini makangabuyeli emva, aye kuthabatha ingubo yakhe.
-
17
|Marcos 13:17|
Yeha ke, abamithiyo nabanyisayo ngaloo mihla!
-
18
|Marcos 13:18|
Thandazani ke, ukuze intsabo yenu ingabi khona ebusika.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7