-
-
Xhosa
-
-
43
|Marcos 12:43|
Ebabizele kuye abafundi bakhe, uthi kubo, Inene ndithi kuni, Lo mhlolokazi ulihlwempu uphose ngaphezu kwabo bonke abaphosileyo emkhumbini wokulondoloza imali;
-
44
|Marcos 12:44|
kuba bonke abo baphose bethabatha kwikhupha labo; ke yena ekusweleni kwakhe uphose konke abenako, impilo yakhe iphela.
-
1
|Marcos 13:1|
KwakubonÂ’ ukuba uyaphuma etempileni, uthi omnye umfundi wakhe kuye, Mfundisi, uyawabona na la matye angaka, nezi zakhiwo zingaka?
-
2
|Marcos 13:2|
Waphendula uYesu wathi kuye, Uyazibona na ezi zakhiwo zikhulu? Akusayi kusala litye phezu kwelitye, elingayi kuchithwa.
-
3
|Marcos 13:3|
Baye, akubonÂ’ ukuba uhleli eNtabeni yemiNquma malungana netempile, bembuza ngasese ooPetros noYakobi noYohane noAndreya, besithi,
-
4
|Marcos 13:4|
Sixelele ukuba ziya kubakho nini na ezo zinto, nokuba uya kuba yini na umqondiso, xa zonke ezo zinto ziza kupheliswa.
-
5
|Marcos 13:5|
Wabaphendula ke uYesu waqala ukuthi, Lumkani ningalahlekiswa bani;
-
6
|Marcos 13:6|
kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi banguye uKristu, balahlekise into eninzi.
-
7
|Marcos 13:7|
Xa nithe neva iimfazwe namarhe eemfazwe, musani kuba navuso; kuba ezo zinto zimelwe kukuhla, ukanti kona ukuphela akukabikho;
-
8
|Marcos 13:8|
kuba uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani; kuya kubakho iinyikima zomhlaba kwiindawo ngeendawo; kuya kubakho neendlala neenkathazeko; ziingqaleko ke zenimba ezo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7