-
-
Xhosa
-
-
13
|Marcos 12:13|
Bathi bathumela kuye abathile bakubaFarisi bakumaHerode, ukuze bambambise ngokuthetha.
-
14
|Marcos 12:14|
Befikile ke bona, bathi kuye, Mfundisi, siyazi ukuba uyinene, kanjalo akukhathali nangubani; kuba akukhethi buso bamntu, indlela kaThixo uyifundisa ngenene. Kuvumelekile na ukumnika irhafu uKesare, akuvumelekile, kusini na? Sinikele, singanikeli, kusini na?
-
15
|Marcos 12:15|
Ke kaloku yena, ekwazi ukuhanahanisa kwabo, wathi kubo, Nindilingelani na? Ndiziseleni idenariyo, ndiyibone.
-
16
|Marcos 12:16|
Bayizisa ke. Athi kubo, Ngokabani na lo mfanekiso nombhalo?
-
17
|Marcos 12:17|
Bathi ke kuye, NgokaKesare. Waphendula uYesu wathi kubo, Nikelani izinto zikaKesare kuKesare, nezinto zikaThixo kuThixo. Bamangaliswa nguye.
-
18
|Marcos 12:18|
Kweza kuye nabaSadusi, bona abo bathi akukho luvuko; babuza kuye besithi,
-
19
|Marcos 12:19|
Mfundisi, uMoses wasibhalela, wathi, Ukuba umzalwana kathile uthe wafa, washiya umfazi, akashiya bantwana, makathi umzalwana wakhe amzeke umfazi wakhe, amvelisele imbewu umzalwana wakhe.
-
20
|Marcos 12:20|
Ke kaloku bekukho abazalwana abasixhenxe. Wathi owokuqala wazeka umfazi; waza akufa akashiya mbewu.
-
21
|Marcos 12:21|
Uthe owesibini wamzeka, wafa, akashiya mbewu. Wenjenjalo nowesithathu.
-
22
|Marcos 12:22|
Bamzeka ke bosixhenxe; abashiya mbewu. Ekugqibeleni kwabo bonke, wafa naye umfazi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7