-
-
Xhosa
-
-
33
|Marcos 12:33|
nokuthi umthande yena ngentliziyo iphela, nangengqiqo iphela, nangomphefumlo uphela, nangamandla ephela, nokuthi umthande ummelwane wakho njengoko uzithanda ngako, kungaphezu kwawo onke amadini atshiswayo kuphele, nemibingelelo.
-
34
|Marcos 12:34|
UYesu embonile ukuba uphendule ngengqiqo, wathi kuye, Akukude wena ebukumkanini bukaThixo. Akwaba sabakho mntu ubenobuganga bakumbuza nto.
-
35
|Marcos 12:35|
Waphendula uYesu, wathi, efundisa etempileni, Batsho ngani na ababhali ukuthi, UKristu ungunyana kaDavide?
-
36
|Marcos 12:36|
Kuba uDavide ngokwakhe wathi ngoMoya oyiNgcwele, Yathi iNkosi eNkosini yam, Hlala ngasekunene kwam, Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho.
-
37
|Marcos 12:37|
UDavide ngoko ngokwakhe uthi, UyiNkosi. Kuvela phi na ke ukuba ngunyana wakhe? Lwaye ke uninzi lwabantu lumva kamnandi.
-
38
|Marcos 12:38|
Wayesithi kubo, ekufundiseni kwakhe, Balumkeleni ababhali, abathanda ukuhamba ngeengubo ezinde, nemibuliso ezindaweni zembutho,
-
39
|Marcos 12:39|
nezihlalo zobukhulu ezindlwini zesikhungu, nezilili zobukhulu ezidlweni;
-
40
|Marcos 12:40|
abazidla bazigqibe izindlu zabahlolokazi, baze benyhwalaza bathandaze uzungu. Aba baya kwamkela ugwebo olugqithisileyo.
-
41
|Marcos 12:41|
Waye uYesu ehleli malungana nomkhumbi wokulondoloza imali, ekhangela ukuba sithini na isihlwele ukuphosa imali yobhedu emkhumbini wokulondoloza imali; zaye izityebi ezininzi ziphosa kakhulu.
-
42
|Marcos 12:42|
Kwafika mhlolokazi uthile ulihlwempu, waphosa iimalanana zambini eziyikodrante.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7