-
-
Xhosa
-
-
3
|Marcos 12:3|
Basuka bona bambamba, bamtyabula, bamndulula elambatha.
-
4
|Marcos 12:4|
Wabuya wathuma kubo omnye umkhonzi; lowo bamgibisela ngamatye, bamngxwelerha entloko, bamndulula bemhlazisile.
-
5
|Marcos 12:5|
Wabuya wathuma omnye; lowo bambulala. Wathuma nabanye babaninzi, inxenye beyityabula, inxenye beyibulala.
-
6
|Marcos 12:6|
Uthe ngoko, esenaye unyana emnye, intanda yakhe, wamthuma naye kubo ukugqibela, esithi, Baya kumhlonela yena unyana wam.
-
7
|Marcos 12:7|
Ke bona abo balimi bathi phakathi kwabo, Yindlalifa lo; yizani simbulale, ilifa libe lelethu.
-
8
|Marcos 12:8|
Bamthabatha ke, bambulala, bamphosa ngaphandle kwesidiliya.
-
9
|Marcos 12:9|
Uya kwenza ntoni na ke ngoko umninisidiliya? Wofika abatshabalalise abo balimi, asinikele kubambi isidiliya eso.
-
10
|Marcos 12:10|
Anisilesanga na esi sibhalo sithi, Ilitye abalicekisayo abakhi, Lelona laba yintloko yembombo;
-
11
|Marcos 12:11|
Kwavela eNkosini oku, Kungummangaliso emehlweni ethu?
-
12
|Marcos 12:12|
Baya befuna ukumbamba, basuka boyika izihlwele, kuba baqonda ukuba uwuthethe ngabo lo mzekeliso. Bamshiya bemka.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7