-
-
Xhosa
-
-
16
|Marcos 11:16|
Wayengavumi ukuba kubekho ucanda etempileni ethwele isitya.
-
17
|Marcos 11:17|
Wayefundisa, esithi kubo, Akubhaliwe na kwathiwa, Indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu yokuthandaza iintlanga zonke? Ke nina niyenze umqolomba wezihange.
-
18
|Marcos 11:18|
Beva ababhali nababingeleli abakhulu; baye befuna ukuba bangathini na ukumtshabalalisa; kuba babemoyika yena, ngokuba indimbane yonke ibikhwankqisiwe yimfundiso yakhe.
-
19
|Marcos 11:19|
Uthe ke kwakuhlwa waphuma, waya ngaphandle komzi.
-
20
|Marcos 11:20|
Bathi bedlula kusasa, bawubona umkhiwane lowo womile, uthabathele kwasezingcanjini.
-
21
|Marcos 11:21|
Ekhumbule uPetros, uthi kuye, Rabhi, khangela umkhiwane obuwuqalekisile womile.
-
22
|Marcos 11:22|
Uphendule uYesu wathi kubo, Yibani nokukholwa kuThixo.
-
23
|Marcos 11:23|
Kuba inene ndithi kuni, Othe kule ntaba, Funquleka, uphoseke elwandle, angathandabuzi entliziyweni yakhe, asuke akholwe ukuba ezo zinto azithethayo zinokwenzeka, wokuzuza oko athe wakuthetha.
-
24
|Marcos 11:24|
Ngenxa yoko ndithi kuni izinto enisukuba nizicela, nithandaza, kholwani ukuba ninokuzamkela; noba nazo.
-
25
|Marcos 11:25|
Naxa sukuba nimi nithandaza, ukuba ninendawo ngakothile, mxoleleni, ukuze noYihlo osemazulwini anixolele iziphoso zenu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7