-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
46
|Mateo 12:46|
AkubonÂ’ ukuba usathetha neendimbane ezo, kwathi thaphu unina nabazalwana bakhe, bema ngaphandle, befuna ukuthetha naye.
-
47
|Mateo 12:47|
Wathi ke othile kuye, Nanku unyoko nabazalwana bakho, bemi ngaphandle, befuna ukuthetha nawe.
-
48
|Mateo 12:48|
Uphendule ke wathi kulowo ubemxelele, Ngubani na uma? Kanjalo ngoobani na abazalwana bam?
-
49
|Mateo 12:49|
Esolule isandla sakhe phezu kwabafundi bakhe, uthe, Nanku uma nabazalwana bam;
-
50
|Mateo 12:50|
kuba osukuba ekwenza ukuthanda kukaBawo osemazulwini, yena lowo ngumzalwana wam, nodade wethu, noma.
-
1
|Mateo 13:1|
Ke kaloku, kwangaloo mini waphuma uYesu endlwini, waya wahlala ngaselwandle.
-
2
|Mateo 13:2|
Kwahlanganisana kuye abantu abaninzi, wada yena wangena emkhombeni, wahlala phantsi; zathi zonke izihlwele zema elunxwemeni.
-
3
|Mateo 13:3|
Wathetha kubo iindawo ezininzi ngemizekeliso, esithi, Yabonani, umhlwayeli waphuma waya kuhlwayela.
-
4
|Mateo 13:4|
Ekuhlwayeleni kwakhe inxalenye yeenkozo yawa ngasendleleni, zeza iintaka zayidla zayigqiba.
-
5
|Mateo 13:5|
Ezinye ke zawa ezindaweni ezilulwalwa, apho bezingenamhlaba mninzi; zaphuma ke kwaoko, ngenxa yokuba bezingenabunzulu bamhlaba;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 14-16