-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
6
|Mateo 13:6|
zathi ke lakuphuma ilanga zatsha, zaza ngenxa yokuba zingenangcambu zoma kwaphela.
-
7
|Mateo 13:7|
Ezinye ke zawa emithaneni enameva, yaza imithana enameva yakhula yaziminxa.
-
8
|Mateo 13:8|
Ezinye ke zawa kuwo wona umhlaba omhle, zanika iziqhamo, olunye lwanika ikhulu, olunye amashumi amathandathu, nolunye amashumi amathathu.
-
9
|Mateo 13:9|
Lowo uneendlebe zokuva makeve.
-
10
|Mateo 13:10|
Beza abafundi bathi kuye, Kungani na ukuba uthethe kubo ngemizekeliso?
-
11
|Mateo 13:11|
Waphendula ke wathi kubo, Kungokuba nikuphiwe nina ukuzazi iimfihlelo zobukumkani bamazulu, babe ke bona bengakuphiwanga.
-
12
|Mateo 13:12|
Kuba osukuba enako, yena uya kuphiwa, aze abe nako ngokugqithiseleyo; kodwa osukuba engenako, uya kuhluthwa kwanoko anako.
-
13
|Mateo 13:13|
Ngenxa yoko ndithetha nabo ngemizekeliso; ngokuba bebona nje bengaboni, besiva nje bengeva, bengaqondi nokuqonda.
-
14
|Mateo 13:14|
Sizalisekele kubo ke isiprofeto sikaIsaya esithi, Ukuva niya kuva, ningakhe niqonde; Nithi nibona nje nibone, ningakhe niqiqe;
-
15
|Mateo 13:15|
Kuba intliziyo yaba bantu ithe fithi kukutyeba, Beva ngeendlebe ezithe nkqi, Bayawacima namehlo abo; Hleze babone ngamehlo, Beve ngeendlebe, Baqonde ngentliziyo, Bajike, Ndibaphilise.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 14-16