-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
16
|Mateo 13:16|
Kodwa nina, anethamsanqa amehlo enu, ngokuba ebona; neendlebe zenu, ngokuba zisiva.
-
17
|Mateo 13:17|
Kuba ndithi kuni, Inene, baninzi abaprofeti nabantu abangamalungisa, abanqwenelayo ukuzibona izinto enizibonayo abazibona; nokuziva izinto enizivayo, abaziva.
-
18
|Mateo 13:18|
Nina ngoko wuveni umzekeliso womhlwayeli:
-
19
|Mateo 13:19|
akubonÂ’ ukuba ubani uyaliva ilizwi lobukumkani, engaliqondi, uyafika ongendawo, akuhluthe okuhlwayelwe entliziyweni yakhe; lo nguye lowo wahlwayelwa ngasendleleni.
-
20
|Mateo 13:20|
Lowo ke uhlwayelwa ezindaweni ezilulwalwa, ngulo ulivayo ilizwi, alamkele kwaoko ngovuyo;
-
21
|Mateo 13:21|
abe ke engenangcambu ngaphakathi kwakhe, eme umzuzwana kodwa; uthi ke kwakuhla imbandezelo nokuba yintshutshiso ngenxa yelizwi, akhutyekiswe kwaoko.
-
22
|Mateo 13:22|
Lowo ke uhlwayelwe emithaneni enameva, ngulo ulivayo ilizwi, lithi ke ixhala leli phakade, nokulukuhla kobutyebi, kuliminxe ilizwi, lisuke lingabi nasiqhamo.
-
23
|Mateo 13:23|
Lowo ke uhlwayelwe kuwo umhlaba omhle, ngulo ulivayo ilizwi aliqonde; othi yena okunene axakathe iziqhamo; omnye ke enze ikhulu, omnye amashumi amathandathu, nomnye amashumi amathathu.
-
24
|Mateo 13:24|
Wababekela omnye umzekeliso, esithi, Ubukumkani bamazulu bufanekiswa nomntu owahlwayela imbewu entle entsimini yakhe.
-
25
|Mateo 13:25|
Kuthe ke, xa baleleyo abantu, lwafika utshaba lwakhe, lwahlwayela umdiza phakathi kwengqolowa, lwemka.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 14-16