-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
46
|Mateo 13:46|
owathi ke akuyifumana iperile inye, exabiso likhulu, wemka waya wananisa ngeento zonke abenazo, wayithenga.
-
47
|Mateo 13:47|
Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nomnatha, owaphoswa elwandle, wahlanganisa kwiintlobo zonke;
-
48
|Mateo 13:48|
abathe wakuzala bawurholela elunxwemeni; ke bakuhlala phantsi, bazibuthela ezintle ezityeni, bazilahla ke ezimbi.
-
49
|Mateo 13:49|
Kuya kuba njalo ekuphelisweni kwephakade eli: ziya kuphuma izithunywa zezulu, zibakhethe abangendawo phakathi kwamalungisa,
-
50
|Mateo 13:50|
zibaphose ezikweni lomlilo; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.
-
51
|Mateo 13:51|
Athi kubo uYesu, Niziqondile na zonke ezi ndawo? Bathi kuye, Ewe, Nkosi.
-
52
|Mateo 13:52|
wathi ke kubo, Ngenxa yoko, umbhali wonke ofundiselwe ebukumkanini bamazulu ufa na nomntu ongumninindlu, orhola ebuncwaneni bakhe izinto ezintsha kwanezindala.
-
53
|Mateo 13:53|
Kwathi, akuyigqiba uYesu le mizekeliso, wanduluka khona apho.
-
54
|Mateo 13:54|
Akufika kwelakowabo, wabafundisa endlwini yabo yesikhungu, ngokokude bakhwankqiswe bathi, Lo ubuzuze phi na obu bulumko, nale misebenzi yamandla?
-
55
|Mateo 13:55|
Lo asinguye na unyana wengcibi yokwakha? Unina akuthiwa na nguMariya? Nabazalwana bakhe asingooYakobi, noYose, noSimon, noYuda, yini na?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 14-16