-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
56
|Mateo 13:56|
Noodade bakhe abakuthi apha bonke na? Uzizuze phi na phofu lo zonke ezi zinto?
-
57
|Mateo 13:57|
Baye bekhubeka kuye. Wathi ke uYesu kubo, Umprofeti akaswele mbeko, kungekhona kowabo, nakokwabo.
-
58
|Mateo 13:58|
Akenza misebenzi mininzi yamandla khona apho, ngenxa yokungakholwa kwabo.
-
1
|Mateo 14:1|
Ngelo xesha uHerode, umphathi wesahlulo sesine selizwe, waluva udaba lukaYesu,
-
2
|Mateo 14:2|
wathi kubakhonzi bakhe, Lo nguYohane umbhaptizi. Yena uvukile kwabafileyo; ngenxa yoko le misebenzi yamandla iyasebenza kuye.
-
3
|Mateo 14:3|
Kuba uHerode wambamba uYohane, wambopha, wamfaka entolongweni ngenxa kaHerodiya, umfazi kaFilipu, umninawa wakhe.
-
4
|Mateo 14:4|
Kuba wayethe uYohane kuye, Akuvumelekile ukuba ube naye.
-
5
|Mateo 14:5|
Wathi efuna ukumbulala, woyika abantu; ngokuba babebambe ukuthi ungumprofeti.
-
6
|Mateo 14:6|
Ke kaloku, kwakubonÂ’ ukuba kwenziwa isikhumbuzo sokuzalwa kukaHerode, yathi intombi kaHerodiya yangqungqa esazulwini, yamkholisa uHerode.
-
7
|Mateo 14:7|
Ekuthe ke koko wayithembisa ngesifungo ukuba woyinika oko ingakucelayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 14-16