-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
18
|Mateo 14:18|
Wathi ke yena, Ziziseni kum apha.
-
19
|Mateo 14:19|
Wathi izihlwele mazingqengqe phantsi engceni; wazithabatha izonka zozihlanu neentlanzi zombini, wathi, ekhangele ezulwini, wasikelela; waqhekeza, wazinika abafundi izonka ezo; ke abafundi banika izihlwele.
-
20
|Mateo 14:20|
Badla bonke bahlutha; basusa amaqhekeza aseleyo, zalishumi elinazibini izitya zizele.
-
21
|Mateo 14:21|
Ke kaloku abo babesidla babengamadoda akumawaka amahlanu, ngaphandle kwabafazi nabantwana.
-
22
|Mateo 14:22|
Waza uYesu wabanyanzela kwaoko abafundi bakhe ukuba bangene emkhombeni, bamandulele baye phesheya, lo gama azindululayo izihlwele yena.
-
23
|Mateo 14:23|
Ezindulule ke izihlwele, wenyuka intaba ngasese, ukuba athandaze. Kwahlwa ke ekhona apho yedwa.
-
24
|Mateo 14:24|
Ke kaloku umkhombe ubuseluphakathi kolwandle, untsilwa ngamaza; kuba umoya ubuvela ngaphambili.
-
25
|Mateo 14:25|
Kuthe ke ngowesine umlindo wobusuku, wesuka waya kubo uYesu, ehamba phezu kolwandle.
-
26
|Mateo 14:26|
Bathe bakumbona abafundi ehamba phezu kolwandle, bakhathazeka, besithi, Ngumshologu; bakhaliswa kukoyika.
-
27
|Mateo 14:27|
Wathetha ke kwaoko uYesu kubo, esithi, Yomelelani; ndim, musani ukoyika.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 14-16