-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
2
|Mateo 15:2|
Kungani na ukuba abafundi bakho basigqithe isithethe samanyange? Kuba abazihlambi izandla zabo, xa badla isonka.
-
3
|Mateo 15:3|
Waphendula ke yena wathi kubo, Nani, kungani na ukuba niwugqithe umthetho kaThixo ngenxa yesithethe senu?
-
4
|Mateo 15:4|
Kuba uThixo wawisa umthetho, esithi, Mbeke uyihlo nonyoko; wathi kanjalo, Omthethela okubi uyise nokuba ingunina, makafe ukufa.
-
5
|Mateo 15:5|
Ke nina nithi, Othe kuyise nokuba kukunina, Iselingumnikelo kuThixo, into onge uba uncedwa ngayo ndim, ukholisile: akasayi kuba sambeka uyise nokuba ngunina.
-
6
|Mateo 15:6|
Niwuphangile ke igunya umthetho kaThixo ngenxa yesithethe senu.
-
7
|Mateo 15:7|
Bahanahanisindini, watyapha ukuprofeta ngani uIsaya, esithi,
-
8
|Mateo 15:8|
Aba bantu basondela kum ngomlomo wabo, Bandibeke ngemilebe yomlomo wabo; Kanti intliziyo yabo ikude lee kum;
-
9
|Mateo 15:9|
Bafumana ke bendihlonela, Befundisa iimfundiso eziyimithetho yabantu.
-
10
|Mateo 15:10|
Wayibizela kuye indimbane, wathi kubo, Phulaphulani, niqonde.
-
11
|Mateo 15:11|
Asikokungena emlonyeni okumenza inqambi umntu; ke okuphuma emlonyeni, kuko oko okumenza inqambi umntu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 14-16