-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
12
|Mateo 15:12|
Beza abafundi bakhe bathi kuye, Uyazi na ukuba abaFarisi bathe bakuliva elo zwi bakhubeka?
-
13
|Mateo 15:13|
Waphendula ke wathi, Zonke izityalo ezingatyalwanga nguBawo wasemazulwini ziya kuncothulwa.
-
14
|Mateo 15:14|
Bayekeni; ngabakhokeli beemfama abakwaziimfama; ke kaloku, xa sukuba imfama ikhokela imfama, zombini ziya kweyela emhadini.
-
15
|Mateo 15:15|
Waphendula ke uPetros wathi kuye, Sixelele lo mzekeliso.
-
16
|Mateo 15:16|
Wathi ke yena uYesu, Anikabi nakuqonda na nani nangoku?
-
17
|Mateo 15:17|
Anikaqiqi na, ukuba konke okungena emlonyeni kusinga esiswini, ize kulahlelwe endaweni esese?
-
18
|Mateo 15:18|
Ke zona izinto eziphuma emlonyeni, ziphuma kuyo intliziyo; zizo ezo ezimenza inqambi umntu.
-
19
|Mateo 15:19|
Kuba kuyo intliziyo kuphuma izicamango ezingendawo, ookubulala, ookukrexeza, oomibulo, oobusela, ookungqina ubuxoki, ookunyelisa.
-
20
|Mateo 15:20|
Zizo ezo izinto ezimenza inqambi umntu; kodwa kona ukudla ngezandla ezingahlanjwanga akumenzi nqambi umntu.
-
21
|Mateo 15:21|
Ephumile khona apho, uYesu wasinga kwimida yaseTire neTsidon.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 14-16