-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
22
|Mateo 15:22|
Kwathi thu umKananekazi evela kuloo mida, ekhala esithi, Ndenzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide; intombi yam iphethwe yidemon kakubi. Akamphendula ke nelizwi eli.
-
23
|Mateo 15:23|
Beza abafundi bakhe, bamcela besithi, Mndulule, ngokuba usilandela ekhala.
-
24
|Mateo 15:24|
Waphendula ke yena wathi, Ndithunywe kwizimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli zodwa.
-
25
|Mateo 15:25|
Weza ke waqubuda kuye, esithi, Nkosi, ndisize.
-
26
|Mateo 15:26|
Uphendule ke wathi, Asinto intle ukusithabatha isonka sabantwana, siphoswe ezinjaneni.
-
27
|Mateo 15:27|
Wathi ke yena, Ewe, Nkosi; kuba neenjana zidla kwiimvuthuluka eziwa etafileni yabaninizo.
-
28
|Mateo 15:28|
Waza ke waphendula uYesu wathi kuye, Mfazi, lukhulu ukholo lwakho; makwenzeke kuwe njengokuthanda kwakho. Yaphiliswa intombi yakhe kwangelo lixa.
-
29
|Mateo 15:29|
Esukile apho, uYesu weza ngaselwandle lwaseGalili, wenyuka intaba, wahlala phantsi khona.
-
30
|Mateo 15:30|
Kweza kuye izihlwele ezininzi, zinazo iziqhwala, iimfama, izidenge, izilima, nabanye abaninzi, zababeka phantsi ezinyaweni zikaYesu; wabaphilisa;
-
31
|Mateo 15:31|
zada zamangaliswa izihlwele ezo, zakubona izidenge zithetha, izilima ziphilile, iziqhwala zihamba, neemfama zibona; zamzukisa uThixo kaSirayeli.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 14-16