-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
32
|Mateo 15:32|
Ebabizele ke kuye uYesu abafundi bakhe, wathi, Ndisikwa yimfesane ngenxa yezihlwele, ngokuba sekuntsuku ntathu behleli nam, bengenanto bangayidlayo; ukuthi ke ndibandulule bengadlanga andikuthandi, hleze batyhafe endleleni.
-
33
|Mateo 15:33|
Bathi kuye abafundi bakhe, Sozizuza phi na entlango apha izonka ezingade zihluthise izihlwele ezingakanana?
-
34
|Mateo 15:34|
Athi kubo uYesu, Zingaphi na izonka eninazo? Bathi ke bona, Zisixhenxe, neentlanzana ezimbalwa.
-
35
|Mateo 15:35|
Wathi kwizihlwele mazihlale phantsi emhlabeni.
-
36
|Mateo 15:36|
Wazithabatha ke izonka zosixhenxe neentlanzi, wabulela, waqhekeza, wanika abafundi bakhe, abafundi ke banika izihlwele.
-
37
|Mateo 15:37|
Badla bonke bahlutha; basusa amaqhekeza aseleyo, iingobozi zasixhenxe zizele.
-
38
|Mateo 15:38|
Ke kaloku abo babesidla babengamawaka amane amadoda, ngaphandle kwabafazi nabantwana.
-
39
|Mateo 15:39|
Ezindulule izihlwele, wangena emkhombeni, weza emacaleni aseMagadala.
-
1
|Mateo 16:1|
Baza bafika abaFarisi nabaSadusi, bathi, bemlinga, bacela ukuba ababonise umqondiso ophuma emazulwini.
-
2
|Mateo 16:2|
Waphendula ke wathi kubo, Ngokuhlwa nithi, Liya kusa; kuba izulu limlilo ukuba bomvu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 14-16