-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
3
|Mateo 22:3|
Wesusa abakhonzi bakhe ukuba baye kubabiza abamenyiweyo, beze emsithweni; basuka abavuma ukuza.
-
4
|Mateo 22:4|
Wabuya wesusa abanye abakhonzi, esithi, Yitshoni kwabamenyiweyo ukuthi, Yabonani, isidlo sam sendisilungisile; iinkomo zam neento zam ezityetyisiweyo zixheliwe, konke sekulungile; yizani emsithweni.
-
5
|Mateo 22:5|
Abakhathalanga ke bona; basuka bemka, omnye waya kweyakhe intsimi, omnye waya ekurhwebeni kwakhe.
-
6
|Mateo 22:6|
Bathi ke abaseleyo bababamba abakhonzi bakhe, babaphatha kakubi, bababulala.
-
7
|Mateo 22:7|
Evile ke ukumkani, waqumba, wayikhupha imikhosi yakhe, wabatshabalalisa abo babulali, wawutshisa nomzi wabo.
-
8
|Mateo 22:8|
Aze athi kubakhonzi bakhe, Umsitho okunene sewulungile wona, kodwa abamenyiweyo bebengafanelekile.
-
9
|Mateo 22:9|
Yiyani ngoko ezintlanganweni zeendlela, nithi abo nithe nabafumana, nibabize beze emsithweni.
-
10
|Mateo 22:10|
Baphuma abo bakhonzi baya ezindleleni, bahlanganisa bonke ababafumanayo, abakhohlakeleyo kwanabalungileyo; wazala umsitho ngabamenyiweyo.
-
11
|Mateo 22:11|
Ke kaloku akungena ukumkani, eza kukhangela abamenyiweyo, wabona apho umntu ongambethe ngubo yamsitho.
-
12
|Mateo 22:12|
Athi kuye, Wethu, utheni na ukungena apha, ungenayo ingubo yomsitho? Lamkhohla ke.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13