-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
33
|Mateo 22:33|
Zathi izihlwele zakukuva, zakhwankqiswa yimfundiso yakhe.
-
34
|Mateo 22:34|
Ke kaloku bathe abaFarisi, bakuva ukuba ubethe labakhohla abaSadusi, bahlanganiselana ndawonye.
-
35
|Mateo 22:35|
Omnye kubo ongumqondisi-mthetho wambuza emlinga, wathi,
-
36
|Mateo 22:36|
Mfundisi, owona myalelo mkhulu emthethweni nguwuphi na?
-
37
|Mateo 22:37|
Wathi ke uYesu kuye, Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela.
-
38
|Mateo 22:38|
Nguwo lowo owokuqala nomkhulu umthetho.
-
39
|Mateo 22:39|
Owesibini ke ufana nawo: Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako.
-
40
|Mateo 22:40|
Kule mithetho yomibini kuxhomekeke umyalelo uphela nabaprofeti.
-
41
|Mateo 22:41|
BakubonÂ’ ukuba bahlanganisene ke abaFarisi, uYesu wabuza kubo,
-
42
|Mateo 22:42|
esithi, Nithini na nina ngaye uKristu? Ungunyana kabani na? Bathi kuye, KaDavide.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13