-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
17
|Mateo 23:17|
Ziyatha, zimfama, kanene yiyiphi na enkulu? Yigolide, yitempile eyingcwalisayo igolide, kusini na?
-
18
|Mateo 23:18|
Kanjalo nina nithi, Othe wafunga isibingelelo, akunto oko; ke othe wafunga umnikelo ophezu kwaso, unetyala.
-
19
|Mateo 23:19|
Ziyatha, zimfama, kanene yiyiphi na enkulu? Ngumnikelo, sisibingelelo esiwungcwalisayo umnikelo, kusini na?
-
20
|Mateo 23:20|
Lowo usifungayo ngoko isibingelelo ufunga sona neento zonke eziphezu kwaso.
-
21
|Mateo 23:21|
Nalowo uyifungayo itempile, ufunga yona nomiyo kuyo.
-
22
|Mateo 23:22|
Nalowo uwafungayo amazulu, ufunga itrone kaThixo nohleli phezu kwayo.
-
23
|Mateo 23:23|
Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba ninikela izishumi zetyeleba nedile nekumin, kanti nizishiyile ezona ndawo zinzima zomthetho, umgwebo nenceba nokholo; ezi benimelwe kukuba nizenze, nithi neziya ningazishiyi.
-
24
|Mateo 23:24|
Bakhokelindini baziimfama, abahluza imbuzane, ke baginye inkamela.
-
25
|Mateo 23:25|
Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nihlambulula umphandle wendebe nesitya, kanti ke ngaphakathi kuzele kukuphanga nokungazeyisi.
-
26
|Mateo 23:26|
MFarisindini uyimfama, hlambulula tanci okungaphakathi kwendebe nesitya, ukuze kuthi okungaphandle kwazo kuhlambuluke nako.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13