-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
37
|Mateo 23:37|
Yerusalem, Yerusalem, wena ubabulalayo abaprofeti, ubagibisele ngamatye abo bathunywe kuwe, kufuthi kangakanani na ndithande ukubabuthela ndawonye abantwana bakho, ngohlobo esithi isikhukukazi siwabuthele ndawonye amathole aso ngaphantsi kwamaphiko, anavuma!
-
38
|Mateo 23:38|
Yabonani, indlu yenu ishiywa nani ize.
-
39
|Mateo 23:39|
Kuba ndithi kuni, Aniyi kuba sandibona emveni koku, nide nithi, Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi.
-
1
|Mateo 24:1|
Ephumile uYesu, wemka etempileni; bathe abafundi bakhe beza kumbonisa izakhiwo zetempile.
-
2
|Mateo 24:2|
Wathi ke uYesu kubo, Niyazibona na zonke ezi zinto? Inene, ndithi kuni, Akusayi kusala apha ilitye phezu kwelitye, elingayi kuchithwa.
-
3
|Mateo 24:3|
Ke kaloku, akubonÂ’ ukuba uhleli eNtabeni yemiNquma, beza kuye abafundi bebodwa, bathi, Sixelele ukuba ziya kubakho nini na ezo zinto; uya kuba yini na umqondiso wokufika kwakho, nowokupheliswa kwephakade eli?
-
4
|Mateo 24:4|
Waphendula uYesu wathi kubo, Lumkani ningalahlekiswa mntu.
-
5
|Mateo 24:5|
Kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi banguKristu, balahlekise into eninzi.
-
6
|Mateo 24:6|
Niya kuthi ke nive iimfazwe namarhe eemfazwe; lumkani ningabi navuso, kuba zonke ezo zinto zimele ukuhla; kanti kona ukuphela akukabikho.
-
7
|Mateo 24:7|
Kuba uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani; kuya kubakho iindlala, neendyikitya zokufa, nezinyikimo zomhlaba kwiindawo ngeendawo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7