-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
18
|Mateo 24:18|
nosentsimini makangabuyeli emva aye kuthabatha iingubo zakhe.
-
19
|Mateo 24:19|
Yeha ke, abamithiyo nabanyisayo ngaloo mihla!
-
20
|Mateo 24:20|
Thandazani ke, ukuba intsabo yenu ingabi khona ebusika nangesabatha.
-
21
|Mateo 24:21|
Kuba ngelo xesha kuya kubakho imbandezelo enkulu, ekungazanga kubekho injalo kwasekuqalekeni kwehlabathi, kwada kwaba kalokunje, ekungasayi kubuye kubekho injalo.
-
22
|Mateo 24:22|
Kanjalo ukuba ibingayi kuthi loo mihla inqanyulelwe, bekungayi kubakho nyama isindayo; ngenxa ke yabanyuliweyo, loo mihla iya kunqanyulelwa.
-
23
|Mateo 24:23|
Ngelo xesha, ukuba ubani uthe kuni, Nanku apha uKristu, nokuba uthe, Nankuya phaya, musani ukuholwa.
-
24
|Mateo 24:24|
Kuba kuya kuvela ooKristu ababuxoki, nabaprofeti ababuxoki, benze imiqondiso emikhulu nezimanga, ngokokude bathi, ukuba bekunokwenzeka, balahlekise nabanyuliweyo.
-
25
|Mateo 24:25|
Yabonani, ndinixelele ngenxa engaphambili.
-
26
|Mateo 24:26|
Ukuba ngoko bathi kuni, Nanko entlango, musani ukuphuma niye. Nokuba bathi, Nanko emagumbini, musani ukukholwa.
-
27
|Mateo 24:27|
Kuba kwanjengokuba umbane uthi uphume empumalanga, ubonakale kude kuse entshonalanga, kuya kuba njalo nokufika koNyana woMntu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13