-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
27
|Mateo 23:27|
Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nifana namangcwaba aqatywe ifutha, athi abonakale emahle okunene ngaphandle, kanti ngaphakathi azele ngamathambo abafileyo nokungcola konke.
-
28
|Mateo 23:28|
Ngokukwanjalo nani ngaphandle okunene nibonakala kubantu ningamalungisa, kanti ngaphakathi nizele luhanahaniso nokuchasene nomthetho.
-
29
|Mateo 23:29|
Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba niwakha amangcwaba abaprofeti, nivathise amangcwaba amalungisa,
-
30
|Mateo 23:30|
nithi, Ukuba sasikho thina ngemihla yoobawo, singe singabanga nabudlelane nabo ngegazi labaprofeti.
-
31
|Mateo 23:31|
Ngoko niyangqina kwanina, ukuba ningoonyana babo babulala abaprofeti.
-
32
|Mateo 23:32|
Wuzaliseni kambe nani umlinganisela wooyihlo.
-
33
|Mateo 23:33|
Zinyokandini, nzalandini yamarhamba, ningathini na ukuwusaba umgwebo wesihogo?
-
34
|Mateo 23:34|
Ngenxa yoko, niyabona, mna ndinithumela abaprofeti nezilumko nababhali; niya kuthi inxenye kubo niyibulale, niyibethelele eminqamlezweni, nithi inxenye kubo niyityakatye ezindlwini zenu zesikhungu, niyitshutshise kwimizi ngemizi;
-
35
|Mateo 23:35|
ukuze linifikele lonke igazi elinobulungisa, elaphalazwayo emhlabeni apha, lithabathela egazini lika-Abheli ilungisa, lizise egazini likaZekariya, unyana kaBherekiya, enambulalela phakathi kwendawo engcwele nesibingelelo.
-
36
|Mateo 23:36|
Inene, ndithi kuni, Zonke ezo zinto ziya kusihlela esi sizukulwana.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13