-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
38
|Mateo 24:38|
Kuba njengokuba babesithi, ngemihla ebingaphambi konogumbe, badle, basele, bazeke, bendise, kwada kwayimini awangena ngayo emkhombeni uNowa, bengaqondanga,
-
39
|Mateo 24:39|
wada wafika unogumbe, wabakhukulisa bonke: koba njalo nokufika koNyana woMntu.
-
40
|Mateo 24:40|
Ngelo xesha ababini boba sentsimini, athi omnye amkelwe, omnye ashiywe.
-
41
|Mateo 24:41|
Abafazi ababini boba besila etyeni lokusila, athi omnye amkelwe, omnye ashiywe.
-
42
|Mateo 24:42|
Phaphani ngoko; ngokuba ningazi ukuba lilixa liphi na eza ngalo iNkosi yenu.
-
43
|Mateo 24:43|
Yazini ke oku, ukuba ebesazi umninindlu ukuba isela liza ngawuphi na umlindo wobusuku, ange elindile, akavuma ukuba indlu yakhe igqojozwe.
-
44
|Mateo 24:44|
Ngenxa yoko yibani nilungile nani, ngokuba uNyana woMntu uza ngelixa eningalikhumbuleliyo.
-
45
|Mateo 24:45|
Ngubani na ke loo mkhonzi uthembekileyo, uqondayo, eyathi inkosi yakhe yammisa phezu kwabendlu yayo, ukuze abanike ukudla ngexesha elifanelekileyo?
-
46
|Mateo 24:46|
Unoyolo loo mkhonzi, iya kuthi yakufika inkosi yakhe imfumane esenjenjalo.
-
47
|Mateo 24:47|
Inene ndithi kuni, iya kummisa phezu kwayo yonke impahla yayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19