-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
7
|Mateo 25:7|
Zaza zavuka zonke ezo ntombi, zalungisa izibane zazo.
-
8
|Mateo 25:8|
Zathi ke eziziziyatha kweziziingqondi, Sipheni kwioli yenu leyo, ngokuba izibane zethu zicima.
-
9
|Mateo 25:9|
Zaphendula ke eziziingqondi, zathi, Hayi, hleze inganeli kuthi nakuni; yiyani kanye kwabathengisayo, nizithengele.
-
10
|Mateo 25:10|
Kuthe ke, zisaya kuthenga, wafika umyeni; zaza ezo bezisezilungile zangena naye emsithweni, lwavalwa ke ucango.
-
11
|Mateo 25:11|
Zithi ke kamva zifike nezinye iintombi ezo, zisithi, Nkosi, nkosi, sivulele.
-
12
|Mateo 25:12|
Yaphendula ke yona yathi, Inene ndithi kuni, andinazi nina.
-
13
|Mateo 25:13|
Phaphani ngoko, ngokuba ningayazi imini kwanalo ilixa.
-
14
|Mateo 25:14|
Kuba kunjengomntu owathi, eza kuhambela kwelinye, wabiza abakhe abakhonzi, wayinikela kubo impahla yakhe.
-
15
|Mateo 25:15|
Wathi omnye wamnika iitalente zantlanu, omnye zambini, nomnye yaba nye, walowo wanikwa ngokwawakhe amandla; wahambela kwelinye kwaoko.
-
16
|Mateo 25:16|
Lowo ke wamkela iitalente ezintlanu, waya wasebenza ngazo, wenza esinye isihlanu seetalente.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13